Oko kwanga kulumkile - Central Methodist Mission 901 Good Friday Service 2025 Passover
Автор: Vuyo Mafeke
Загружено: 2025-04-19
Просмотров: 4545
Описание:
Oko kwanga kulumkile,
Kunamandla, Yesu, kum,
Konle se ndikulahlile
Ngokukhanya kwaKho kum.
Wena nKosi
Waba bubulumko kum.
Xa umthetho wandityelaKonke ukugwetywa kwam,
Ndada andabona ndlela
Yokuhlaw’l’ityala lam,
Wena, nKosi,
Waba bulungisa bam.
Be ndihleli ndincholile,
Kwaabumnyama bodwa kum;
Uphefumlo wawufile,
Kungalunge nento kum.
Waza Wena
Waba yingcwaliso kum.
Ukuxhala ndandikuva,
Ndiyibon’ ingozi yam;
Ubumnandi andabuva,
Ngokoyik’ ukufa kwam;
Waza Wena
Waba yinkululo yam.
Nkosi, ndoqhayisa ngaWe,
Ndikuncame okukum;
Andinanto ndingenaWe,
Wen’ uziinto zonke kum;
NKosi, Yesu,
Wen’ uziinto zonke kum. Amen
Повторяем попытку...
Доступные форматы для скачивания:
Скачать видео
-
Информация по загрузке: